Emva kokubetha uCaleigh Swart e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo, intshatsheli uSimamkele Tutsheni utyikitye isivumelwano seminyaka emibini neGolden Gloves.

UTutsheni, ozinze KwaLanga, eKapa, wabetha uSwart ngamanqaku, waze waphumelela intshinga eyayingenamntu kwi-International Boxing Organisation (IBO) Africa kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-featherweight. 

Ebekwa kwindawo yeshumi elinesihlanu kwi-IBO, uTutsheni, ongekabethwa, uzakubuyela eqongeni kwitumente yeGolden Gloves eKempton Park ebutsheni bonyaka ozayo. 

“Ndikholelwa ukuba angayimbethi-manqindi ekomnye umgangatho. Uyimbethi-manqindi yoqobo. Ndithabathekile ngesakhono sakhe, kwaye iGolden Gloves izakumkhokelela kwintshinga yehlabathi. Kodwa ke usadinga amava, kwaye ndizakuqinisekisa ukuba uyavuzwa ngetalente yakhe,” utshilo usomaqhuzu weGolden Gloves uRodney Berman. 

UTutsheni, osebenza njengesicimamlilo esingxungxileyo kwisixeko saseKapa, uyiphumelele yosibhozo imilo yakhe, enqumamise oosisi abathathu. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php