Emva konyaka ukususela mhla wagqibelisa ukukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight, uKhaya Busakwe uzakuyikhusela kwakhona kwingingqi yeNelson Mandela Bay kulenyanga ezayo. 

UBusakwe uzakuyikhusela isihlandlo sesine intshinga yakhe xa esilwa noMbuyiseli Ndukwana waseKnysna kuMzantsi Koloni e-VW People’s Pavilion eKariega ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu kuDisemba.  

“Ndizakukhusela intshinga yam eMpuma Koloni xa ndisilwa noNdukwana kulenyanga ezayo. Kufuneka ndizibonakalise, ingakumbi emva komlo wam wokugqibela. Andiqondi ukuba ukhona umntu onokuma endleleni yam.”

UBusakwe ugqibele ukukhusela intshinga yakhe, awayiphumelela ngokubetha uLusanda Komanisi e-Orient Theatre, eMonti, ngoMatshi 2023, ngethuba enqumamisa uSinethemba Blom kumjikelo weshumi eMidrand ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo.

Kwisithuba ezingaphaya kwenyanga, uBusakwe wabalixhoba lokuqhathwa, into eyakhokelela ekubeni abethwe ngummi waseNigerian uSikiru Shogbesan eKagiso, eKrugersdorp. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php