Ukuqhubela phambili kweKaizer Chiefs ukudlala kwiCAF Confederation Cup kukhokelele ekubeni umiswe umdlalo wayo weBetway Premiership neMagesi FC, obufanele ukudlalwa kwisithuba esiphantse sibeziiveki ezimbini.

IChiefs ibifanele ukudlala neMagesi kude nekhaya eSeshego Stadium, ePolokwane, ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesithandathu kuNovemba, kodwa loomdlalo awuzokudlalwa ngalomhla ngenxa yokubopheleleka kweliqela kwimidlalo yeCAF Confederation Cup.

Amakhosi abhengezile emva kwemini ngoLwesihlanu ukuba asikathatyathwa isigqibo malunga nosuku ozakubuya udlalwe ngalo lomdlalo neMagesi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php