UThinumzi Gqola uphinde wayikhusela ngempumelelo intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight emva kokubetha u-Athanathi Mxoli ngamanqaku e-Orient Theatre KuGompo City ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

Kumlo apho uGqola ebezihambela kakuhle, abagwebi – uLulama Mtya (119-111), uSiphiwo Mbini (118-110) noThandi Ngodwana (116-112) – benzelwe umsebenzi Lula njengokuba benqwale ngokufanayo.

UGqola ebekhusela isihlandlo sesibini emva kokuphumelela lentshinga ngokubetha owayeyintshatsheli uMthokozisi Ngxaka eRhawutini ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo. Abalawuli bakaNgxaka abazange baxole ziziphumo zomlo, baze bacela ukuba ukhe uphinde uphononongwe.

Uphononongo olwenziwa ngabagwebi ababephuma kumaphondo amathathu awohlukeneyo lwathi uNgxaka uphumelele, into eyanyanzelisa ukuba aphinde alwe noGqola, oyinzalelwane yaseDuncan Village. UGqola waphinda waphumelela kumlo oyimpinda ngoDisemba nyakenye.

Kusenjalo, owayeyintshatsheli yodidi lwejunior-bantamweight eMzantsi Afrika, uLwando Mgabi, obesilwa okokuqala kudidi ejunior-featherweight, ubethe uThabang Mofula ngamanqaku.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php