Emva kokubenza lula ubunzima obebulindelekile, uBernie ‘The Badger’ Ferreira, oyintshatsheli ye-International Boxing (IBO) kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight, uqinisekile ukuba uzakongeza ibhanti yeWorld Boxing Council (WBC).
UFerreira uzakulwa nenjinga yeWBC kwicandelo labasetyhini neyinzalelwane yaseFrance nekungoku nje sele ingummi waseCanada, uCaroline Veyre, eState Farm Arena, e-Atlanta, eGeorgia, kwelaseMelika kusasa ngeCawa, ngokwexesha loMzantsi Afrika.
“Ndenza imbali yelizwe lam, ndiyimbethi-manqindi yasetyhini yokuqala ukulwela iintshinga ezimbini ngaxesha nye. Kwaye kuzakubamnandi xa ndiphumeleleyo,” uFerreira uphefumle watsho.
UFerreira waphumelela intshinga ye-IBO emva kokubetha ummi waseMalawi, u-Ellen Simwaka, ngamanqaku eWild Coast Sun, eBizana, kwiinyanga ezintathu ezigqithileyo.
Lembethi-manqindi yaseMzantsi Afrika, eneminyaka engamashumi amathathu anesine, iyiphumelele yolishumi imilo yayo, yaze yanqumamisa oosisi abane. Ukanti, uVeyre uphumelele kwimilo elishumi elinanye, wabethwa komnye qha.