Category: Boxing

LIBHUBHILE IGQALA LOMQEQESHI WAMANQINDI

Libhubhele ekhayeni lalo eKapa ngentseni yangoLwesine igqala lomqeqeshi wamanqindi nowayesakuba yimbethi-manqindi kudidi lwabahlawulwayo u-Emil Brice. Ubeneminyaka engamashumi amathandathu anesithandathu. Ezindaba zibuhlungu zokusweleka kuka-Emil ziqinisekiswe ngumntakwabo uJack Brice, ongumthelekisi ozinze eKapa.…

USOGCWAYI UBUYELA E-EMPEROR’S PALACE

Emva kokubhengeza ukugaleleka kwakhe kudidi lwabahlawulwayo ngethuba enqumamisa u-Adivhaho Nemutanzhela kumjikelo wesibini kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini, uSanele ‘V16’ Sogcwayi ubuyela e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ukuze abonise ngesakhono sakhe kwakhona. Kwaye…

AYINAMNTU INTSHINGA YODIDI LWEWELTERWEIGHT 

Iphinde ayabinamntu intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwewelterweight emva kokuthiwa tya nguKeanu Koopman kwiinyanga nje ezintlanu wayiphumelela ngokunqumamisa uBonke Duku kumjikelo wesibhozo. Ngokokutsho kukaBoxing South Africa (BSA), uKoopman uyithe xibilili lentshinga…

UQHUBELA PHAMBILI UMLO KAHEAD NOTHYSSE

Uzakuqhubela phambili umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwelight-heavyweight phakathi kukaMichael Head noBryan Thysse kwisithuba esingaphantsi kweeveki ezintathu. Bekukho amathandabuzo ngalomlo emva kokuba bekuthiwe uHead akawazihlaziyanga amaphepha okulwa akwaBoxing South Africa…

css.php