UMAHAMBI AKANANXA NGAKUTEYISI

Kungenzeka ukuba ibuhlungu intliziyo yakhe emva kokuhamba kukaSiseko Teyisi, umqeqeshi wamanqindi uZolile ‘Gqo’ Mahambi ‘akananxa’ ngakulomfana nosele eqeqeshwa nguMnyamezeli Shosha. UMahambi unqwenelele uTeyisi amathamsanqa ngaphambi komlo wakhe wentshinga yoMzantsi Afrika…

UMBOKAZI UCELA UMNGENI KUGINGQI

UKhanyisani Mbokazi waseMandeni, KwaZulu-Natal, uzakulwa no-Asanda Gingqi kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika eMonti kulenyanga ezayo. UMbokazi uzakube elinga ekohlutha intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight xa esilwa nenjinga uGingqi e-Orient Theatre ngoMgqibelo…

WONYULIWE KWAKHONA UKHOZA

U-Irvin Khoza uzakuxhuzula imikhala njengosihlalo wePremier Soccer League (PSL) isihlandlo sesithandathu emva kokonyulwa engaphikiswanga eSandton Convention Centre, eRhawutini, ngemva kwemini yangoLwesithathu. Losihlalo we-Orlando Pirates, oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathu, wangena kwesisikhundla…

css.php