USIRINO UQINISEKISWE NJENGOMDLALI WECHIEFS 

Iqela elizinze eNaturena iKaizer Chiefs iqinisekile emva kwemini ngoMgqibelo ukuba imtyikityile umdlali waseswini noyinzalelwane yase-Uruguay uGaston Sirino. USirino, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, utyikitye isivumelwano seminyaka emibini emva kokukhululwa yiMamelodi Sundowns.…

UMAYO NGUMDLALI WEZANGXA ZASE-ALGERIA 

Ifolosi eyinzalelwane yaseMthatha uKhanyisa Mayo uzibandakanye nezangxa zase-Algeria iChabab Riadhi Belouizdad emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu esuka kwiCape Town City. Lonto ithetha ukuba uMayo oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu nongunyana…

UKHANYISA UTYIKITYE NENO DOUBT NEBOXING5

Emva kokuhlela ngezantsi aye kolunye udidi, uKatlego ‘Black Cat’ Khanyisa, ongekabethwa, utyikitye neNO DOUBT Management kunye neBoxing5 Promotions ngoLwesihlanu. UKhanyisa, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwabangahlawulwayo, uyiphumelele yonke imilo yakhe esixhenxe,…

USMITH UTHABATHA UMHLALA-PHANTSI

Ummi woMzantsi Afrika obenempumelelo enkulu kwimidlalo yee-Olimpiki uTatjana Smith wothuse umzi ngokuhlwa kwangoLwesine ngethuba ebhengeza ukuba uthabatha umhlala-phantsi njengendadi. Esisibhengezo esothusayo size emva kokuba uSmith ephumelele imbasa yesilivere kwi-200metre breaststroke…

USMITH UZE NENYE IMBASA

UTatjana Smith uphumelele imbasa yesilivere kwimidlalo yee-Olympiki eParis kwelaseFransi emva kokuphuma kwindawo yesibini kwi-200 metre breaststroke kwiqula elibizwa ngokuba yiParis la Defence Arena ngokuhlwa kwangoLwesine. Lenzalelwane yaseRhawutini, eneminyaka engamashumi amabini…

css.php