Isibavubavu somqeqeshi wamanqindi uZolile ‘Gqo’ Mahambi utsho ngoncumo lukaBlankethe njengokuba iimbethi-manqindi zakhe uSiseko Teyisi no-Amzolele Dyeyi begqibe kwelokokuba bahlale naye emva kokungaqondani ngezinto ezithile.
Bekuthe ndi iingxelo ebezisithi uTeyisi noDyeyi bemkile kuMahambi bayokuziqeqesha kwenye inkampu nangona nje besingaziwa ncam isizathu sokumka kwabo.
“Bekukho ukungaqondani nomphathi uBongani. Siye sahlala phantsi, sasombulula yonke into. Ngoku sibuyele kundalashe,” uthethe watsho uMahambi.
“NguBongani umntu owasincedayo ngethuba uSiseko wayengenayo incwadi yokundwendwela. Wadlala indima enkulu kakhulu ekuqinisekiseni ukuba uSiseko uyayifumana incwadi yokundwendwela. Siyakuhlala sibulela kuye, kwaye ndivuya kakhulu njengokuba yonke into isombululekile ngoku.”
UMahambi wongeze ngelithi kulindeleke ukuba uTeyisi abuyele ekuziqeqesheni naye ngoMvulo, logama uDyeyi eye kwiMandela African Boxing Cup eThekwini.
“UDyeyi akekho apha. Uzakuyikhulula ivest ukuba akenzanga kakuhle kulatumente,” utshilo uMahambi.