Yimbethi-manqindi entsha ezakulwa noLuvuyo Sizani xa belwela intshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwelight-heavyweight kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezintathu.
Kuqala bekuthiwe uSizani uzakuvana amandla noTyrone Schaper waKwaZulu-Natal eMonti ngoJulayi, kodwa ngoku izinto ziguqukile njengokuba ezakulwa noVuyani Kosana waseFreystata.
“Asisalwi noTyrone Schaper. Sizakulwa noVuyani Kosana ngoJulayi,” uphefumle watsho uBaba ‘Babes’ Makala, ongumqeqeshi kaSizani.
Lenzalelwane yaseLinge kuKomani, eyintshatsheli ye-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi lwelight-heavyweight, sele iphumelele imilo esixhenxe, yabethwa komnye.
USizani wagqibela ukulwa ngethuba ebethwa kumjikelo wokuqala nguJerome Pampellone wase-United Kingdom kumlo we-International Boxing Federation (IBF) Intercontinental kudidi lwelight-heavyweight e-Auckland kwelaseNew Zealand ngo-Agasti.
Ephumelele imilo emine, wabethwa kabini, waze wabambana komnye, uKosana ugqibele ukulwa ngethuba enqumamisa uKagiso Hlungwani kumjikelo wokuqala eBloemfontein ngoDisemba.