Kwiintsukwana ezimbalwa emva kokuphanza kwelinge lakhe lokuphumelela imbasa yegolide kwitumente yeMandela African Boxing Cup eThekwini, u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi, obenguPhopho kudidi lwabangahlawulwayo, wenjenjeya ukusingisa eGauteng. 

UDyeyi, obeqeqeshwa nguZolile ‘Gqo’ Mahambi eMdantsane, unikele umva iMonti ngoLwesithathu esingise eGauteng. Uzakuyikhulula ivesti alwe ngaphantsi kwesandla sikaKhangelani Jack, owaphumelela iwonga le-2023 Trainer of the Year. 

“Ndigqibe kwelokokuba ndimkhulule uGlobe emva kokundixelela ukuba uyahamba uya eRhawutini. Ndimxelele ukuba andisayikuze ndimgcine apha xa efuna ukuhamba. Ndiphinde ndamxelela nokokuba uyakwamkeleka kwakhona ukuba ucinge ngokubuyela apha kuthi,” utshilo uMahambi.

UDyeyi uwe nganeno kwilinge lakhe lokuphumelela imbasa yegolide kwitumente yeMandela African Boxing Cup e-Inkosi Albert Luthuli International Convention Centre (ICC) eThekwini. Ubethwe nguSigauque Armando Rugeberto waseMozambique kumlo obukudidi losiba.

Eqinisekisa ngokushiya kwakhe iMonti, uDyeyi, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, uthe: “Liyinene elokokuba ndimkile eMdantsane, kwaye ndizakuqeqeshwa nguBro Jack ngoku.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php