Izinto zihamba ngokukhawuleza kwinzalelwane yaseMdantsane u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi njengokuba sele uqinisekisiwe umhla azakulwa ngawo okokuqala kudidi lwabahlawulwayo emva kokunikela umva iMonti esiyokuzinza eGauteng kuleveki.  

UDyeyi, ophumelele imbasa yesilivere kwitumente yeMandela African Boxing Cup eThekwini ngeCawa, uzakulwa eKibler Park Recreation Centre ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesine kuMeyi.  

“Uyimbethi-manqindi entle kakhulu. Wandixelela ukuba ufuna ukungena kudidi lwabahlawulwayo, kwaye ufuna ukuzibandakanya nam. Ndamxelela ukuba makaqale aqoshelise imidlalo ye-All Africa Games,” utshilo umlawuli kaDyeyi, uColleen McAusland weMcAusland Boxing Management.

UDyeyi, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, nobeqeqeshwa nguZolile ‘Gqo’ Mahambi eMdantsane, ngoku uphantsi kwesandla sikaKhangelani Jack, owaphumelela iwonga le-2023 Trainer of the Year. UJack uqeqesha eMcAusland Boxing Gym.

“Besinethuba sithetha. Wayengayazi ukuba uJack ulapha kum. Wavuya akuva ukuba uJack wazimanya nathi. UJack wakhe wamqeqesha ngaphambili. Uzakulwa okokuqala kudidi lwabahlawulwayo ngomhla wamashumi amabini anesine kuMeyi,” uqinisekise watsho uMcAusland. 

UDyeyi uphoswe lithuba lokuphumelela imbasa yegolide kwitumente yeMandela African Boxing Cup e-Inkosi Albert Luthuli International Convention Centre (ICC) eThekwini emva kokubethwa nguSigauque Armando Rugeberto waseMozambique.

“Kungosizi kuba ubenelinye inxeba kwiMandela Games. Kodwa ke, uqukumbele uhambo lwakhe kudidi lwabangahlawulwayo ngembasa yesilivere, kodwa ngekukuhle kakhulu ukuba ibiyeyegolide,” uphefumle watsho uMcAusland. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php