Emva kwempumelelo kwimidlalo emithathu elandelelanayo kwiDStv Premiership, iChippa United ijonge ukuphumelela kwakhona xa idlala nAmaZulu eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, emva kwemini ngoMgqibelo.

IiChilli Boys zifake amanqaku amathandathu kungafakwanga nelinye kuzo kwimidlalo yazo emithathu yokugqibela, kwaye umqeqeshi obambe ilima uThabo September unethemba lokuphumelela kwakhona xa bedlala noSuthu. 

IiChilli Boys, ezizinze eMpuma Koloni, zibethe iCape Town Spurs, iKaizer Chiefs ekhaya neSuperSport United ekuhambeni. Zibethe onke lamaqela ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo ngamnye.

“Sidlala nAmaZulu, umdlalo omkhulu kuthi. Ndicinga ukuba amanqaku amathathu abaluleke kakhulu ukuze sihlale kumaqela okuqala asibhozo,” utshilo uSeptember. 

“Njengeqela, umdlalo ngamnye esiwudlalayo sifuna ukuwuphumelela. Sizakuzinika ithuba elihle lokuwuphumelela lomdlalo. Abonakala emahle amadoda, kwaye namalungiselelo ahambe kakuhle kuleveki.”

Kusenjalo, uSeptember uveze ukuba bazakudlala lomdlalo ngaphandle kukaMalebogo Modise noKamohelo Mahlatsi, abonzakeleyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php