ITS Galaxy igrogrisa umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena ngamanyathelo ezomthetho emva kwentetho yakhe kulandela ukonzakala kukaBongani Zungu.

Emva kokubetha iiRockets ngamanqaku amathathu eqandeni ePitoli ngokuhlwa kwangoMvulo, Mokwena uthe bekucetyiwe ukonzakaliswa kukaZungu, owonzakalisa uBernard Parker kumdlalo weCarling Black Label Cup.  

“ITS Galaxy FC iziqaphele iintetho ezenziwe ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns FC uRulani Mokwena esithi umqeqeshi wethu uphembelele ukonzakaliswa komdlali weSundowns uBongani Zungu kumdlalo wethu waphezolo,” zitshilo iiRockets kusasa ngoLwesibini.

“UMokwena uxokile, nto leyo esiyibona njengehlazo elikhulu kumdlalo wethu nakwiqela alimeleyo. Ukuba uMokwena usakholelwa kubuxoki bakhe, sithi kuye makeze nobungqina zingaphelanga iiyure ezingamashumi amabini anesine, kungenjalo iqela lethu kunye nomqeqeshi wethu bazakuthabatha amanyathelo ezomthetho.”

UMokwena uthe emva komdlalo: “Ndidanile ngokukhatywa kukaBongani Zungu kuba bendixelelwe phezolo ukuba umqeqeshi wabo ubonise abadlali bakhe landlela uBongani Zungu wayekhabe ngayo uBernard Parker. 

“Wathi, ‘ningalibali into eyenziwa nguBongani Zungu’, kwaye ndidane kakhulu kuba izinto ezinje ziyenzeka, kwaye ndifuna ukutsho kwakhona ukuba ndiyayazi ukukhatywa kukaZungu kungenzeka naphi na.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php