ULerato ‘Lights Out’ Dlamini utsho ngoncumo lukaBlankethe eyokwamkela umvuzo eQonce njengokuba ezakuba yimbethi-manqindi yesibini yaseMzantsi Afrika ukulwa kwitumente yePremier Boxing Champions (PBC) xa equbisana no-Arnold Khegai wase-Ukraine.  

UDlamini noKhegai bazakulwa ukuzibekela indawo kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba.

Ngaphambili lomlo kwakuthiwe uzakwenziwa yiTop Rank kaBob Arum, kodwa akuzange kuvunyelwana ngemali.

Emva koko umqeqeshi nomlawuli kaDlamini uColin ‘Nomakanjani’ Nathan wabhalela usihlalo wobuntshatsheli kwi-IBF uCarlos Ortiz emyalela ukuba akhwebe abantu abanomdla wokuwenza lomlo. 

“Ndivuya kakhulu njengokuba ndiyimbethi-manqindi yesibini eMzantsi Afrika ukulwa kwiPBC. Ndivuya kakhulu, kwaye kutsho kwathi xibilili kum njengokuba ndizakulwa nje. Bendinomonde ngokwaneleyo. Ayiloqonga nje eli, yiPBC, iqonga elikhulu. Ndibulela kakhulu kubo ngokusinceda kwabo,” utshilo uDlamini. 

UDlamini waseWelkom, eFreystata, ukwindawo yesibini kudidi losiba kwi-IBF, logama uKhegai elandela ezantsi kwakhe.

Kusenjalo, uChris van Heerden yimbethi-manqindi yokuqala yoMzantsi Afrika ukulwa kwitumente yePBC ngethuba ebethwa ngu-Errol Spence Junior waseMelika ngoSeptemba 2015. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php