Eziva enosizi emva kokufunda iindaba ezithi uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha ufikelele kwisigqibo sokuwayeka amanqindi, umthelekisi waseKapa uJackie Brice weJackie Brice Boxing Promotions wolulele isandla sakhe kulenzalelwane yaseMdantsane eyinika umlo. 

UTyirha uvakalise ukuba uyawayeka amanqindi emva kokufeda ukufumana imilo kususela emva kokuba wothuswa nguGeorge Kandulo waseMalawi embethela e-International Convention Centre (ICC) eMonti ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

“Ndizakubona into endinokumenzela yona ukuze alwe ngomhla wamashumi amathathu kuJuni. Ndizakuzama ukumfaka kuletumente. Ndifuna ukubona ukuba andinakukwazi na ukufumana imali-nkxaso yalomlo,” utshilo uBrice. 

UTyirha wabethakala kakhulu emva kokubethwa kwakhe nguKandulo njengokuba waphuma kuwo onke amanqwanqwa emibutho ephambili ekulawuleni amanqindi ehlabathini. 

Ngaphambi kokulwa noKandulo, uTyirha wayekwindawo entle kwiWorld Boxing Council (WBC), kwiWorld Boxing Association (WBA), kwi-International Boxing Federation (IBF) nakwiWorld Boxing Organisation (WBO). 

Ukungalwi kwamenza wababuhlungu uTyirha, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, kangangokuba waphuma engena kwimizi eyohlukeneyo yokuziqeqesha kulonyaka. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php