UBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu akayekanga ukuziqeqesha nangona nje kubonakala ngathi soze ubekhona umlo wakhe noMzuvukile ‘Old Bones’ Magwaca. 

Kwakuthiwe elikhwahla lakwaMahlangu lizakukhusela intshinga yalo yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight kuMagwaca ekuthambekeni kwalenyanga. Kodwa kubonakala ngathi ayizokwenzeka lonto kuba uMagwaca akakasityikityi isivumelwano somlo. 

“Satyikitya isivumelwano sokulwa noMagwaca. Kwaye sisebenza nzima siziqeqesha,” utshilo uSandile Mahlangu, oqeqesha lentshatsheli eneminyaka engamashumi amane anesine.

Njengokuba udubul’egeqa waKwaZulu-Natal uMxolisi ‘Nation’ Zuma sele etyikitye uxwebhu lokucela umngeni, uSandile uthi uMahlangu uzakulwa naye nabani olungele ukuqubisana naye. 

UZuma, owathabatha nje umzuzu nemizuzwana engamashumi amane anesithandathu ebetha uShedafa John waseTanzania kumlo wentshinga ebingenamntu kwiWorld Boxing Federation (WBF) Intercontinental kudidi lwejunior-featherweight e-Estcourt ngoMatshi, uphumelele ngokunqumamisa amadoda kuyo yosixhenxe imilo yakhe.

“Sivile ukuba uZuma ucela umngeni. Asinangxaki nokulwa naye. Eneneni, sikulungele ukulwa nabani na ofuna ukulwa nathi,” utshilo uSandile. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php