Isondela ngasekuvalweni inkqubo yokutyumba ibhodi entsha kaBoxing South Africa (BSA) njengokuba UMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uZizi Kodwa nesekela lakhe uNocawe Mafu bekhwebe intlanganiso nezintlu zonke ezichaphazelekayo emanqindini.

UKodwa wabhengeza ibhodi entsha kaBSA ngoNovemba kulonyaka ophelileyo, kodwa ukusebenza kwayo kwathintelwa enkundleni yiNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) isithi yayingakhange ikrwece ngaphambi kokwenziwa kwesibhengezo. Kungoku nje kwalooNPBPA ifunyenwe yinkundla njengenabume ngokwasemthethweni. 

“Esi sisicelo esinikhwebela kwintlanganiso noMphathiswa kunye nesekela lakhe kwintlanganiso malunga kokutyunjwa kwebhodi kaBoxing SA,” itshilo imbalelwano ebisuka kuNontsikelelo Baqwa, oligosa eliphezulu kwiSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko.

Lentlanganiso ezakwenziwa ngobuxhakaxhaka balemihla izakuqala ngentsimbi yethoba kude kubengentlazane ngoLwesihlanu umhla weshumi kuMeyi. Emva koko, uKodwa uzakubhengeza ibhodi entsha kaBSA, enamalungu asixhenxe, ngoLwesithathu kuleveki ezayo.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php