Uyayixhalabisa iBoxing South Africa (BSA) umba weembethi-manqindi ezidla umhlala phantsi nezimane ziyokulwa eTanzania.

Oku kuthethwe yingqonyela ebambeleyo kwaBSA uMandla Ntlanganiso emva kokuba owayesakuba yinjinga yehlabathi uNkosinathi ‘Mabhere’ Joyi ebethwe ngu-Abeid Zugo, ogama lokwenene elingu-Abeid Kessy Kasongo, eTanzania kulempelaveki egqithileyo.

UJoyi, owayeyintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) ne-International Boxing Federation (IBF) kudidi lweminimumweight, yimbethi-manqindi yesibini yoMzantsi Afrika edla umhlala phantsi elwe eTanzania kwiinyanga ezingaphantsi kweenyanga kwezintandathu. 

Intshatsheli yakudala kwiWorld Boxing Association (WBA) ne-IBO kudidi losiba uSimphiwe ‘V12’ Vetyeka walwa, waze wabethwa nguZugo ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. UVetyeka wayeneempepha zokuqeqesha ngelooxesha elo. 

“Sinxibelelene neTanzanian Commission malunga nalomba, ingakumbi emva komlo kaVetyeka ngoDisemba. Sithethile noGeorge Silasi, ongusosiba weTanzanian Commission, kwaye wazichaselisa kulomlo lowo,” utshilo uNtlanganiso. 

UNtlanganiso wongeze ngelithi kulula ukulawula iimbethi-manqindi ezibhalisiweyo kuba zicela imvume kuBSA ngaphambi kokuyokulwa ngaphandle. 

“Zonke iimbethi-manqindi ezibhalisiweyo ezifuna ukuyokulwa ngaphandle zicela imvume kuBoxing South Africa ngaphambi kokulinikela umva eli. Kunzima ukulawula iimbethi-manqindi ezingabhaliswanga. Asikwazi ukuzithintela nangona singavumelani nalento eziyenzayo,” uphawule watsho uNtlanganiso.  

“Amanqindi ngumdlalo onobungozi kakhulu, kwaye afuna ukuba umntu ahlale esemandleni. Ubunokubona ukuba uJoyi ebengekhosemandleni. Asiyikhuthazi lento abenzayo kuba babeka ubomi babo emgciphekweni.” – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php