UNkosinathi ‘Mabhere’ Joyi ugqibe kwelokokuba angathethi emva kokunqunyanyiswa kumjikelo wesithathu yimbethi-manqindi yaseTanzania u-Abeid Zugo, ogama lokwenene lingu-Abeid Kessy Kasongo, kulempelaveki egqithileyo. 

Endaweni yokuthetha, lentshatsheli yamhlamnene kudidi lweminimumweight kwi-International Boxing Federation (IBF) ithe yonke into mayibuzwe kuSimphiwe ‘V12’ Vetyeka, obesekoneni ngethuba lomlo noZugo. 

“Besinikwe ithuba elifutshane kakhulu ukulungiselela lomlo. Siziqeqeshe nje into engangeeveki ezimbini. Lamfo uyathanda ukufuna ukonyusa irekhodi lakhe ngathi. Sibethwe kumjikelo wesithathu,” utshilo uVetyeka.

Okunikisa umdla kukuba uZugo wabetha uVetyeka, owayesakuba yinjinga yeWorld Boxing Association (WBA) ‘Super’ ne-International Boxing Organisation (IBO) kudidi losiba, ngoDisemba wonyaka ophelileyo. 

Ngaphambi kokuya kumlo noZugo, uJoyi wayengazange alwe kususela mhla wanqunyanyiswa kumjikelo wesine ngu-Ayanda Ndulani, owayeyintshatsheli ye-IBO kudidi lweminimumweight, ngoMeyi 2021. 

UJoyi, oneminyaka engamashumi amane ananye wakhe wayibamba izihlandlo ezimbini intshinga ye-IBO kudidi lweminimumweight, kwaye wayekhe wabekwa kwindawo ephezulu yiBoxRec neRing Magazine. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php