Ifolosi eyinzalelwane yaseMthatha uKhanyisa Mayo uzibandakanye nezangxa zase-Algeria iChabab Riadhi Belouizdad emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu esuka kwiCape Town City.

Lonto ithetha ukuba uMayo oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu nongunyana kaPatrick Mayo, owayedlalela iBay United, iSuperSport United, iKaizer Chiefs, iBush Bucks neMichau Warriors, uzakudlala kwiCAF Champions League kwakhona.

IBelouizdad izakudlala ne-AC Leopards yaseCongo kumdlalo wokuzibekela indawo kumjikelo olandelayo wolukhuphiswano.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php