Njengokuba imbali imkhweba, uSimangele ‘Smash’ Hadebe uzakulwa nommi waseMexico uGabriela ‘La Bonita’ Sanchez Saavedra kowona mlo wakhe omkhulu, umqeqeshi wakhe uKhangelani Jack uqinisekile ukuba bazakubuyela ekhaya bephethe intshinga.
UHadebe uzakungquzulana noSanchez kumlo weWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwempukane eGNP Auditorium, ePuebla kwelaseMexico ngentseni yangoMgqibelo, ngokwexesha loMzantsi Afrika.
Impumelelo izakuthetha ukuba uHadebe uyakuba yimbethi-manqindi yasetyhini yokuqala eMzantsi Afrika ukuphumelela ibhanti yeWBC.
“Yonke into ihambe kakuhle ngethuba silungiselela lo mlo. Siwulungele umlo ngokwasengqondweni nasemzimbeni. Silungele nantoni na azakuyiphosa kuthi uSanchez. Eyona njongo yethu enkulu kukubuyela ekhaya nebhanti,” utshilo uJack.
Kwakufanele ukuba lamagqiyazana mabini alwela eMzantsi Afrika ngoJuni kulonyaka ophelileyo, kodwa awuzange ubekhona lo mlo lowo ngenxa yokokuba umthelekisi wafeda ukufumana abaxhasi bokuhlawula ezimbethi-manqindi.
Kokokuqala uHadebe, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane kwicandelo labasetyhini, esilwa ukususela mhla wabetha uJesca Mfinanga waseTanzania ngoJuni nyakenye. Kwaye iJack ufuna utyelelo lwabo eMexico luhlale kukhumbuleka. – Monwabisi Jimlongo