Iqela elizinze kwiCape Winelands, iStellenbosch FC, ibhengezile emva kwemini ngoMvulo ukuba ityikitye umfana waseNigeria, u-Adeyanju Kazeem, simahla evela kwiPlateau United.
Lomdlali wasesiswini noneminyaka engamashumi amabini ungcangcazelise umnatha kanye, waze wanegalelo kwamanye amanqaku asixhenxe kwimidlalo engamashumi amabini anesibhozo eNigeria kulesizini egqithileyo.
“Sichwayite kakhulu ukubhengeza ukutyikitya umdlali wasesiswini, ophuma eNigeria, uLateef Adeyanju Kazeem, nesimfumene simahla,” sitshilo iStellies.
UKazeem ungumdlali wesihlanu oyinzalelwane yaseNigeria ukutyikitya neStellies. Eliqela lakhe latyikitya uStanley Dimgba, u-Ibraheem Jabaar, uKazie Enyinnaya no-Olisa Ndah.
Ngahle elityendyana lidlale xa iStellies sindwendwele iKaizer Chiefs kumdlalo weBetway Premiership e-FNB Stadium, eNasrec, eRhawutini ngokuhlwa kwangoLwesibini.