I-TS Galaxy ibhengezile emva kwemini ngoLwesine ukuba ityumbe owayengukapteni weFK Sarajevo, uKenan Handžić, njengosekela-mqeqeshi wayo omtsha. 

Lomfo waseBosnia Herzegovina, oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu, ulisekela lika-Admir Adžem, ongene esikhundleni esashiywa nguBernard Parker. 

Kulindeleke ukuba uHandžić, oyinzalelwane yaseBosnia Herzegovina nowayengumdlali wasesiswini kwiNK Zagreb, kunye no-Adžem ibengabo abazakukhokela iiRockets xa zidlala neStellenbosch FC kumdlalo weBetway Premiership eDanie Craven Stadium kwiCape Winelands ngoLwesihlanu kuleveki ezayo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php