Emva kokulibazisa nokuthingaza, ngelingeni iPremier Soccer League (PSL) ide yabhengeza ngokuhlwa kwangoLwesine ukuba iMoses Mabhida Stadium eseThekwini izakusingatha umdlalo wamagqibelakankqoyi eCarling Knockout Cup phakathi kwe-Orlando Pirates neKaizer Chiefs.
Lomdlalo ophakathi kwezizangxa zimbini zaseSoweto uzakudlalwa ngecala lentsimbi yesithathu ngoMgqibelo umhla weshumi elinambini kuDisemba. Iintshatsheli ezikhuselayo, iPirates, ikhethwe njengeqela elizakubasekhaya, kwaye amatikiti omdlalo azakuqala ukuthengiswa ngoLwesithathu waleveki ezayo.
Esisiqinisekiso sendawo ozakudlalelwa kuyo lomdlalo siphelise iintsuku ezininzi apho bekuthethwa le naleya malunga nendawo yokudlalela. Kwezintsuku zigqithileyo bekukhe kwakhankanywa neCape Town Stadium.


