Basinde ngezikaSibi abadlali beqela leTS Galaxy ngethuba ibhasi ababeyikhwele itshayisana nenqwelo-mafutha endleleni eya eNaspoti ngemva kwemini yangoLwesibini. 

IiRockets bezisendleleni eya eNaspoti, apho zizakudlala khona kunye neMamelodi Sundowns eMbombela Stadium, ngecala lentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwangoLwesithathu. 

Umqhubi wenqwelo-mafutha eluhlobo lweVW Polo ubhubhele kwindawo yexhwayelo, logama umongameli weeRockets, uTim Sukazi, evakalise ukuba lengozi ibothusile abadlali bakhe. USukazi wongeze ngelithi sele beyixelele iPremier Soccer League (PSL) malunga nalengozi, kwaye yonke into isemagxeni ePSL malunga nokokuba umdlalo uzakuqhubela phambili okanye uzakumiswa kusini na.

“Kufanele sidlale neSundowns, kodwa xa ujonga okwenzekileyo, ukumiswa komdlalo lelona nyathelo elingabalihle. Kodwa ke sizakuva ngePSL,” utshilo uSukazi ngethuba ethetha kwiMetrofm ngokuhlwa kwangoLwesibini.

“Abadlali abachaphazelekanga, kodwa basothukile emva kokubona ingozi yokungquzulana kweenqwelo-mafutha. Kwanokubona umqhubi wenye inqwelo-mafutha itshoba lilele umbethe kubonzakalise engqondweni. Abadlali nabaqeqeshi bothuke kakhulu ngenxa yalento eyenzekileyo.”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php