Emva kokuba ngumdlali ophambili kwimidlalo emine ukususela ngo-Agasti, umdlali wasesiswini kwiChippa United uGoodman Mosele ubandakanyiwe kwiqela leBafana Bafana elibhengezwe ngumqeqeshi uHugo Broos ngokuhlwa kwangoLwesine.

IBafana izakudlala imidlalo yamazwe ngamazwe ne-Andorra ne-Algeria ekuthambekeni kwalenyanga. Amakhwenkwe kaBroos azakudlala undlalo wokuqala xa enyathelana ne-Andorra e-19 May 1956 Stadium e-Annaba kwelase-Algeria ngoLwesine umhla wamashumi amabini ananye.

Kwiintsuku nje ezintlanu, eliqela elabuya nembasa yobhedu kwitumente yamazwe ngamazwe ase-Afrika lizakudlala ne-Algeria eNelson Mandela Stadium kwidolophu yase-Algiers.

Nali eliqela:  

Ronwen Williams (Mamelodi Sundowns),

Bruce Bvuma (Kaizer Chiefs), Ricardo Goss (SuperSport United), Veli Mothwa (AmaZulu), Nyiko Mobbie (Sekhukhune United), Bradley Cross (Lamontville Golden Arrows), Thapelo Morena (Sundowns), Nkosinathi Sibisi (Orlando Pirates), Aubrey Modiba (Sundowns), Siyanda Xulu (SuperSport), Mothobi Mvala (Sundowns), Tapelo Xoki (Pirates), Siyabonga Ngezana (FCSB, Romania), Khuliso Mudau (Sundowns), Teboho Mokoena (Sundowns), Goodman Mosele (Chippa United), Jayden Adam (Stellenbosch FC), Sphephelo Sithole (CD Tondela, Portugal), Thabang Monare (Pirates), Themba Zwane (Sundowns),

Zakhele Lepasa (Pirates), Oswin Appollis (Polokwane City), Patrick Maswanganyi (Pirates), Mihlali Mayambela (Aris Limassol, Cyprus), Mlondi Mbanjwa (AmaZulu), Iqraam Rayners (Stellenbosch FC), Tshepang Moremi (AmaZulu), Elias Mokwana (Sekhukhune United), Grant Margeman (SuperSport United), Evidence Makgopa (Pirates),

Thapelo Maseko (Sundowns)

Bafana coach Hugo Broos will announce his final squad for the event in the coming days.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php