Emva kokukhokelela iqela lakhe i-Orlando Pirates kwimpumelelo yamanqaku amathathu kwamabini kumdlalo wobukhaya waseSoweto neKaizer Chiefs eFNB Stadium eNasrec, eRhawutini, ngemva kwemini yangoMgqibelo, umqeqeshi wePirates uJose Riveiro ukwelokokuba lomdlalo ubeyilento ebilindelekile.

IPirates ize ngemva izihlandlo ezimbini ngaphambi kokuwuphumelela lomdlalo, iyimpumelelo yayo yesibini idlala neChiefs njengokuba yabetha Amakhosi ngenqaku elinye eqandeni kumjikelo wokuqala.

“Ndicinga ukuba omabini lamaqela akhuphisene ngendlela ekufanele ukukhuphiswana ngayo kumdlalo wobukhaya. Umdlalo omhle. Wonke umntu usebenze kakhulu. Ibingumdlalo wobukhaya omhle, amanqaku amahlanu. Ngokucacileyo ndiyavuya ngomsebenzi esiwenzileyo. Ndiyazingca ngamakhwenkwe am,” uphefumle watsho uRiveiro.

Kusenjalo, umqeqeshi weChiefs uCavin Johnson ukhale kakhulu ngamanye alamanqaku afakwe kubo, esithi ebelula kakhulu.

“Ibingumdlalo omhle kakhulu. Siphale phambili kabini, saphulukana nomdlalo ekugqibeleni. Ndicinga ukuba besinamathuba ethu, nabo benamathuba abo. Bekungafanelekanga ukuba sibanike lamanqaku mabini. Ndicinga ukuba lamanqaku mabini abawafumene kuthi ebelula kakhulu. Inqaku lesibini nelesithathu,” utshilo uJohnson. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php