UMandla Ntlanganiso uzobe umfanekiso ombi kakhulu ngemicimbi yeBoxing South Africa (BSA), awafikela kuyo ngethuba ebuyela e-ofisini ngoDisemba wonyaka ophelileyo emva kokumiswa emsebenzini iinyanga eziliqela.

Ethetha kudliwanondlebe nenkqubo kamabonakude iTKO Boxing Magazine kuSABC 2, uNtlanganiso uveze ukuba wafika, wabhaqa ukuba yayome nko inxili kaBSA, kwaye kwafuneka ukuba bacele ukuhlangulwa liSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko.

Ukufeda ekufumaneni imali kwiSebe leZemidlalo ngekwakukhokelele ekubeni abasebenzi bakaBSA babuyele emakhayeni abo bephaca kwiinyanga ezintathu zonyaka-mali u-2023/24. 

“Ukubuyela kwam e-ofisini ngomhla weshumi elinesithathu kuDisemba, kwafuneka ndijonge ukuba zihamba njani na izinto, ndijonge ukuba bekusenzeka ntoni ukususela mhla ndamiswa emsebenzini ngo-Agasti. Ndafumanisa ukuba zazininzi izinto ezazisenzeka, ingakumbi kwimicimbi yezimali. Ndothuka kakhulu ukufumanisa ukuba lomzi wawungasenamali,” utshilo uNtlanganiso kuTKO Boxing Magazine ngoLwesihlanu. 

“Iinkqubo ezininzi kunye neemali ekwakufanele ukuba zihlawuliwe zazingahlawulwanga. Luphicotho lokuqala endalubonayo olo, kwaye ndakhangela ukuba loluphi na ungenelelo okwakufuneka lwenziwe. Nkqu nangoJanyuwari, kwakukho imicelimngeni ekuhlawuleni imivuzo. Kodwa ke, sahlala phantsi nesigqeba esilawulayo, sahlinza impuku, sakugqiba safaka isicelo kwisebe ukuba lisincedise ukuze sizokwazi ukudada siyokuphumela ngaphaya ukususela kuJanyuwari kude kubengoMatshi.”

Nangona uNtlanganiso nesigqeba sakhe solawulo babezama ukuhlangula uBSA, abazange bayifumane yonke imali ebabeyicele kwiSebe leZemidlalo. Kodwa ke baqhubela phambili nokusebenza.

“Nangona nje singazange sisifumane sonke isixa-mali esasisicelile ukuze sizohlangabezana nazo zonke iingxaki zethu, okuvuyisayo kukuba imivuzo yabasebenzi nezinye izinto ezingxamisekileyo zalungiswa,” utshilo uNtlanganiso. 

Kusenjalo, uNtlanganiso unethemba lokokuba uBSA uzakuhlangulwa ngorhulumento olululo okanye bayakunyanzeleka baphinde bayokucela ukuhlangulwa liSebe leZemidlalo.

“Into yokuqala ekufuneka siyenzile kukubuyela kwiziseko zolawulo. Imisebenzi yezolawulo lalomdlalo ibaluleke kakhulu, kufuneka sibengaphezulu. Akufuneki sibeziimpatha kwimicimbi yorhulumento. Kufuneka sigqalisise yonke imisebenzi nemicimbi enxulumene norhulumento kuba siliziko loluntu,” ulebele watsho uNtlanganiso. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php