Ilungu leVoluntary Anti-Doping Association (VADA) lifike lingabhungisanga ngethuba lityelela u-Azinga ‘Golden Boy’ Fuzile e-All Winners Boxing Club, eMdantsane, ngoLwesihlanu. 

Ngelishwa, uFuzile ebengekho ngethuba kufika igosa leVADA, nto ke leyo enyanzelise ukuba umanejala we-All Winners Boxing Club, uMlandeli Tengimfene, enze umtsi wenkawu ayokulanda lenjinga yamhlamnene. 

IVADA isebenzisana kakhulu neWorld Boxing Council (WBC) kwilinge lokuqinisekisa ukuba amanqindi ahlala ecocekile.

“Ndiye ndafumana umnxeba obundixelela ukuba kukho umntu obefuna mna no-Azinga apho siziqeqesha khona. Ndikhawuleze ndayokufika apho, ndaze ndadibana negosa leVADA elindixelele ukuba lizokuvavanya u-Azinga. Ndibaleke kwangoko, ndayokumlanda kuba ungafumaneki kwakhe bekuyakuba neziphumo ezinobuzaza,” utshilo Tengimfene said. 

“Ndababhalisa u-Azinga noKuse kwinkqubo yeVADA. Ndayixelela iVADA ukuba amagosa ayo angafika nanina apho siziqeqesha khona phakathi kwentsimbi yokuqala neyesithathu emva kwemini, ngoMvulo ukuyokutsho ngoLwesihlanu. Olutyelelo lungabhungiswanga sisifundo kuzo zonke iimbethi-manqindi ukuba kufuneka ziziguzule kwizinto ezinokuba yingxaki kuzo.”

UFuzile ugaleleke e-All Winners Boxing Club ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo, kwaye sele efumene umlo omnye. UFuzile wanqumamisa imbethi-manqindi yaseTanzania, u-Emmanuel Amos Stephano, eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngoDisemba kulonyaka ophileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php