Kungenzeka ukuba alikabhengezwa igama lomntu azokulwa naye, kodwa lonto ayimnqandi ukuba u-Azinga ‘Golden Boy’ Fuzile abile esoma, elungiselela lomlo ozakubanjwa kwiinyanga ezimbini ezizayo.
Lenzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, izakulwa kwitumente yeGolden Gloves eKapa ngoJulayi.
“Ndisebenza nzima ndilungiselela lomlo nangona lingekabhengezwa igama lomntu endizakulwa naye. Ndivuya kakhulu njengokuba ndizakulwa ngoJulayi. Yinto entle le kumathuba namalinge am okubuyela kumanqwanqwa ehlabathi,” utshilo uFuzile.
UFuzile, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba, wabethwa nguKenichi Ogawa waseJapan kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kwijunior-lightweight ngoNovemba 2021, ubethe ummi waseTanzania u-Emmanuel Amos Stephano eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.
“Eyona njongo yam kukulwela intshinga yehlabathi kwakhona. Ewe, andikazazi ukuba ndizakulwa nabani na. Kodwa ndinethemba lokokuba noko ndizakufumana umntu obhetele kunalo bendilwe naye,” uphefumle watsho uFuzile. – Monwabisi Jimlongo