UMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie ulindele ukuba amalungu ebhodi kaBoxing South Africa (BSA) asebenze nzima ukulungisa nokusa phambili umdlalo wamanqindi.

UMcKenzie ukuthethe oku emva kokuba yena nesekela lakhe uPeace Mabe bebenentlanganiso nalebhodi emalungu asixhenxe ePitoli ngokuhlwa kwangoMvulo. Ibiyintlanganiso yokuqala phakathi kwebhodi kaBSA, uMcKenzie noMabe, ababekwa ezikhundleni zabo nguMongameli uCyril Ramaphosa kwisithuba esingaphaya kweveki. 

“Amanqindi ngomnye umdlalo endiwuthandayo, kwaye ndifuna ukubona amanqindi engomnye wemidlalo ephambili eMzantsi Afrika. Kufuneka kusoloko kukho imilo yamanqindi kunye nophuhliso kwilizwe lonke, kwaye amanqindi kufuneka asetyenziswe njengesixhobo sokususa ulutsha kwindlala nentlupheko kwanazo zonke izinto ezimbi ezenzeka ekuhlaleni,” utshilo uMcKenzie.  

“Ngokuqinisekileyo maninzi amathuba enguquko, ibhodi entsha iyathembisa, kwaye inabantu abawulungeleyo umsebenzi. Andikufuni okwakuthembisa kwebhodi yangaphambili ukulungisa amanqindi, kodwa yenza okunxamnye nalonto. Ndiyazi kakuhle into ebisenzeka ngaphambili.

“Ndifuna ukunika lebhodi ithuba lokuzibonakalisa. Ndifuna lebhodi ibonakalise ukuba yomelele okanye ibuthathaka kangakanani na. Ndifuna lebhodi izijongisise, indinike iindlela namacebo akhawulezileyo, iphawule iindawo ezifuna ukuxhaswa. Ndifuna ukuqhayisa ngamanqindi xa kuphele ixesha lam.” 

Usihlalo webhodi kaBSA uSifiso Shongwe uthethe wenjenje: “Intlanganiso ibiqonde ngqo. UMphathiswa uMcKenzie uthethe ngokucacileyo. Uyazi kakuhle ukuba sisuka phi njengoBoxing South Africa. Intlanganiso ibigxile kwizisombululo, ayizisanga ithemba lodwa, koko izise nokuncoma kwibhodi. SinoMphathiswa ozimiseleyo.” 

Lebhodi kaBSA equka uShongwe, uGqirha Luvuyo Bayeni, uLuxolo September, uSakhiwe Sodo, uRomy Titus, uGqirha Koketjo Tsebe noNande Mheshe yonyulwa ngowayenguMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa ngoMeyi.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php