Emva kokuvumelana nomthelekisi uMzi Booi weKay B Promotions malunga nemali azakuyihlawulwa, ngoku uZolisa Batyi wasEluxolweni, eNxarhuni, ugxile ekulungiseleleni umlo ozayo.

UBatyi uzakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi losiba xa evana amandla noYamkela Phaliso waseMdantsane e-Orient Theatre, eMonti, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine ku-Agasti.

“Ndiyavuya kuba siwulungisile umcimbi wesivumelwano somlo. Ndisebenza nzima, ndilungiselela ukukhusela intshinga yam. UPhaliso uyayazi ukuba soze ayihluthe intshinga yam,” utshilo uBatyi. 

Kwakufanele ukuba ezimbethi-manqindi zimbini zalwa ngoMatshi, kodwa awuzange ude ubekho lomlo lowo emva kokuba uPhaliso wonzakala engalweni. UBatyi waphela esilwa noLucky Hobyane awamnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre ngoMatshi. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php