IKaizer Chiefs, elungiselela isizini ka-2024/25 kwelaseTurkiye, iliqinisekisile kusasa ngoLwesine iqela labaqeqeshi bayo.

Emva kokutyikitya isivumelwano seminyaka emibini, umqeqeshi omtsha uNasreddine Nabi waseTunisia uzakusebenza noKhalil Ben Youssef njengesekela lakhe lokuqala kunye noFernando da Cruz, olisekela lakhe lesibini. 

Ukanti, u-Ilyes Mzoughi uzakulolonga oonozinti, logama uSafi Majdi engumqeqeshi ojongene nobume babadlali.  

“Emva kwenkqubo ende nedinisayo yohlolo, kusinika uvuyo ekugqibeleni ukwamkela umqeqeshi wethu kwiKaizer Chiefs,” utshilo uKaizer Motaung Junior, ongumqondiso wemidlalo kwiChiefs. 

“Sikholelwa ukuba sifumene eyona ndoda efanelekileyo ekuzalisekeni umbono wokubuyisela Amakhosi kwindawo yawo phezulu kwibhola ekhatywayo. Kwaye samkela umqeqeshi uNabi neqela lakhe labaqeqeshi sizinikela sikwathembisa ngomanyano nenkxaso kwilinge lokubhekisa phambili injongo enye.” 

Kusenjalo, iChiefs izakudlala neYoung Africans yaseTanzania kumdlalo weToyota Cup eFree State Stadium, eBloemfontein, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJulayi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php