Ubuyela eMzantsi Afrika umdlali wasemva u-Edmilson Dove emva kokonzakala kwinkampu yokuzilolonga yeKaizer Chiefs kwiseshoni yangoLwesihlanu kwelaseTürkiye.

Lomdlali weqela lesizwe laseMozambique sele ebhilabhiliwe ngoogqirha kwinkampu yeChiefs. Uzakunikela umva iTürkiye ukuze azokuhlolisiswa ngokupheleleyo eMzantsi Afrika. 

“Sinqwenela ukuba yena nabanye bakhawuleze bachache njengokuba sisafuna ukubabona beziqeqesha kunye naqela lonke kungekudala,” itshilo iChiefs.

IChiefs ilungiselela isizini ezayo nomdlalo weToyota Cup ezakuwudlala neenkunzi zaseTanzania iYoung Africans ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJulayi eFree State Stadium, eBloemfontein. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php