ICape Town Spurs iye yaqinisekisa emva kwemini ngoLwesine ukuba umdlali wayo wasemva uRushwin Dortley ulishiyile eliqela wazimanya neKaizer Chiefs.

Lomdlali wasemva, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, ebefunwa nayiStellenbosch FC neSuperSport United. UDortley ebengukapteni weBafana Bafana kwitumente yeCOSAFA Cup eGqeberha kutsha nje. 

“ICape Town Spurs FC ithanda ukubulela uRushwin nosapho lwakhe ngokukholwa nokuthembela kuthi kuleminyaka. Ngenkxaso yabo engagungqiyo kunye nomonde, sibenakho ukuxonxa uRushwin ukuba abengulomdlali anguye ngoku. Baye bakholelwa ngokupheleleyo kwinkcubeko nakwinkqubo yophuhliso, kwaye siye seza neziphumo,” zitshilo ii-Urban Warriirs.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php