Kanye nje emva kweenyanga ezimbini ebethwe yimbethi-manqindi yaseMexico nengekabethwa uRene Calixto Bibiano, uSikho “Sequence” Nqothole ugqibe kwelokokuba iNO DOUBT Management kaColin ‘Nomakanjani’ Nathan ibeyiyo elawula imicimbi yakhe. 

Lenzalelwane yaseMthatha ibibekwa kwindawo yeshumi kuluhlu lwe-International Boxing Federation (IBF) ngaphambi komlo noCalixto, ngelishwa wehlela ngezantsi waba kwindawo yeshumi elinanye emva kokubethwa.  

“Satsho sathi kunzima ukuphumelela kwelaseMexico, kwaye saye saba nendlela eyenye ukulungiselela yena. Wayengekazimanyi neNO DOUBT Management ngeloxesha, kodwa uColin wayeyinxalenye yaloontlanganiso, enika uluvo lwakhe,” utshilo uLarry Wainstein weBoxing 5.

UNqothole wahlala phantsi neBoxing 5 bagqiba ekubeni uNathan ayeke ukuyucebisa lembethi-manqindi eqeqeshwa nguPhumzile Matyhila. Endaweni yoko, uNathan utyikitye uNqothole kwiNO DOUBT Management eqhogene nowayeyintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-featherweight uLudumo Lamati.  

“Umalume uLarry noColin bathembise ukundibuyisela kwindawo ebendikuyo. Njengamntu onamaphupha, ndingathanda ukufumana ithuba ukuze ndilwele intshinga yehlabathi,” utshilo uNqothole.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php