I-TS Galaxy iqinisekisile emva kwemini ngoLwesihlanu ukuba ngenene imkile ifolosi eyinzalelwane yaseSerbia uSamir Nurković. 

Ukumka kwalomfana ,oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, kothuse umzi njengokuba edlale kakuhle kakhulu kwisizini ephelileyo, efaka amanqaku alishumi.

“Liyinene elokokuba iqela lihambe indlela eyahlukeneyo noSamir Nurković. Esi sisigqibo esithatyathwe, sacubungulwa kakuhle liqela noSamir,” zitshilo iiRockets.  

“Omabini amaqela achaphazelekayo abonile ukuba iinjongo zawo zohlukene, abona ukuba makohlukanwe ngoku kunokuba kwenzeke oko xa kuphela isivumelwano sakhe sengqesho ekupheleni kwesizini. USamir ungumntu obeziphethe kakuhle kakhulu, kwaye usinike inkonzo engenachaphaza. Simnqwenelela amathamsanqa.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php