Usihlalo weChippa United uSiviwe ‘Chippa’ Mpengesi ubhiyozela iminyaka elishumi iiChilli Boys ziliqela laseMpuma Koloni, zizinze eGqeberha kwingingqi yeNelson Mandela Bay. 

Emva kokungena ziphuma kwiPremiership, iiChilli Boys zafudukela eGqeberha, zisuka eKapa ngo-2014, kwaye azizange zihliselwe okokoko. 

“NjengeChippa United sigqiba iminyaka elishumi eGqeberha. Oosopolitiki baseGqeberha bathabatha isigqibo esihle kwiminyaka elishumi eyagqithayo, besithi abasayikuyamkela into yokokuba istadium esinexabisa elingaka emva kweNdebe yeHlabathi, ukuba sibeyingqushu,” utshilo uMpengesi ngoMvulo.  

“Sifike apha, sivela eKapa. Ngeloxesha sasinemicelimingeni yethu eKapa. Sathabatha isigqibo sokulusabela olobizo. IMpuma Koloni ngelooxesha yayineminyaka elishumi elinesine ingenalo iqela elidlala kwiPSL. Satyikitya isivumelwano seminyaka engamashumi amabini. Ngoku sisembindini yaloominyaka. Sinethemba lokokuba emva kweminyaka elishumi ezayo sizakuthetha ngeminyaka engamashumi amabini.” 

UMpengesi uphinde wadiza ukuba unikwe igunya lokuthethathethana namanye amaqela akwiPremiership ukuba ase eminye yemidlalo yawo eNelson Mandela Bay Stadium.

“Ndinikwe uxanduva lokuthethathethana namanye amaqela amancinci akhuphisana kwiPSL ukuba awanakuyizisa apha na eminye imidlalo yawo emikhulu,” utshilo uMpengesi. 

UMpengesi wongeze ngelithi: “Sigqibe kwelokokuba sithabathe eminye imidlalo siyise eBuffalo City. Umasipala uvumile. Sinayo iWolfson, kodwa ayiphunyezwanga yiPSL.”

Ngokwakwiqela labadlali, uMpengesi uthe: “Sikwazile ukufumana iqela eliluqilima. Umdlalo wethu wokuqala ungoLwesithathu. Sizakudlala ne-Orlando Pirates.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php