Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ujonge ukuyiphumelela yomibini imidlalo yemfezeko ye-2025 Africa Cup of Nations abazakuyidlala neCongo. 

IBafana idlala neCongo eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngokuhlwa wangoLwesihlanu. Lamaqela mabini azakuphinda aqubisane eCongo ngoLwesibini kuleveki ezayo.

“Sifuna ukuyiphumelela yomibini lemidlalo ukuze sinxweme uxinezelelo ngoNovemba, apho kungenzeka ukuba sidinge impumelelo. Sibenawo loomava kwiminyaka emithathu egqithileyo kumdlalo neGhana. Kufuneka sizame ukukunxwema oko,” utshilo uBroos.  

“Kulula ukutsho, kodwa kufuneka sijonge ababantu esizakudlala nabo. Zininzi izinto ezenzekileyo eCongo ekuqaleni kweveki. Kodwa siyakube senza impazamo enkulu ngokucinga ukuba izinto ezenzekileyo zizakuba nempembelelo kwelaqela.”

Ukanti, sisihlandlo seshumi elinanye iBafana idlala neCongo, kwaye amakhwenkwe oMzantsi Afrika aphumelele imidlalo emine, logama iCongo iphumelele umdlalo omnye, yaze emihlanu yaphela lamaqela mabini entanga-nye. 

IBafana yabambana ngeqanda macala omabini neCongo kumdlalo wokugqibela phakathi kwalamaqela mabini ePeter Mokaba Stadium, Polokwane, ngo-Okthobha 2014. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php