UNtombokuqala Tolashe uzakuthabatha uhambo olude ngoLwesithathu njengokuba uzakube esingise eKorea Republic, apho azakulwa khona noBo Mi Re Shin kwikomkhulu lelalizwe iSeoul kuloMgqibelo esiya kuwo.
Lo mlo ufike kanye nje kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezintathu uTolashe waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba kwicandelo labasetyhini ngethuba wayebetha uMatshidiso Moketsane eKapa.
“Besifanele ukuba sinduluke ngoLwesibini. Ngoku sizakuhamba siye eKorea ngoLwesithathu, kwaye sizakufika phaya ngoLwesine,” utshilo uTolashe, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo.
Nangona nje engayibonanga yonke imilo kaShin, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) International neWorld Boxing Organisation (WBO) Asian Pacific kudidi lwejunior-lightweight, uTolashe uthi akaboni ukuba kuzakubakho ingxaki kulomlo.
“Ndiyibukele eminye imilo yakhe, kwaye andiboni ukuba uzakuba yingxaki nangona nje eyimbethi-manqindi eza phambili okokoko,” utshilo uTolashe, ozakuhamba nomqeqeshi wakhe uWelsh Macibela.
Kusenjalo, uShin, oneminyaka engamashumi amathathu, ugqibele ukulwa mhla wayenqumamisa u-Ana Maria Lozano waseVenezuela kumjikelo wesixhenxe eBukgu Gymnasium, eGwangju City, eKorea Republic, phantse kwiinyanga ezine ezigqithileyo.
UShin unamava xa umthelekisa noTolashe njengokuba ephumelele imilo elishumi elinesixhenxe, engqengqise amantombazana alishumi, wabethwa kabini, waze walwa ngokulingana kwimilo emithathu.
Ukanti, uTolashe uphumelele kwimilo esixhenxe, engqengqise intombi enye, waze wabethwa kwizihlandlo ezine. – Monwabisi Jimlongo