Ukukhethwa kwephela emasini kushiye owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika neyehlabathi uBukiwe ‘Anaconda’ Nonina ephuma into ngomlomo emva kokukhalazela ungalwiswa kwiitumente zeRise of Women in Boxing.
UNonina uzive engenakuthi cwaka emva kokubona uluhlu lweembethi-manqindi ezizakulwa kwitumente yeMvelo Promotions nezakubanjelwa kwiholo yesixeko saseMgungundlovu ngoLwesibini umhla weshumi elinesixhenxe.
“Andiyazi ukuba kutheni izinto ziloluhlobo nje. Kulwiswa iimbethi-manqindi ezinye, logama thina singalwiswa. Ndalwa kakanye ngethuba umama uJoyce wayenze iitumente ezimbini ngosuku olunye kulonyaka ophelileyo. Kakade ndandizakulwa kwitumente kamama uJoyce ngaphambi kokuba bamnike ithuba lokusingatha itumente yamabhinqa odwa,” utshilo uNonina.
“Ndahlawulwa nguye, akazange andihlawule ngemali eyayisuka kuBSA. Ababantu abasilwisi kwiitumente zabo. Ndim, uNozipho (Bell), uSimangele (Hadebe), uSharadene (Fortuin), u-Asandiswa (Nxokwana) noRazell (Mohamed) abangalwiswayo. Andiyazi ukuba kutheni bengasilwisi nje.”
UBell uyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight, elixesha uHadebe ephethe intshinga kudidi lwempukane, aze uFortuin abeyinjinga yodidi lwentambanani, logama uMohamed eyintshatsheli yecruiserweight.
“Ezinye iimbethi-manqindi zilwa kuyo yonke imilenze yoluthotho lwemilo, kwaye lonto iqhubela phambili kwakhona. Ndiyamgxeka uBSA ngokuba akajongi ukuba izinto zenziwa ngokungenaxanasi kusini na,” utshilo uNonina, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika neWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwentambanani. – Monwabisi Jimlongo