Sekumbovu sizaliseke isithembiso esenziwa ngumphathi weKay B Promotions uMzi Booi, sokukhokelela imbethi-manqindi yaseMonti nentshatsheli yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-welterweight u-Aphiwe ‘Swagger’ Mboyiya kwintshinga yesithathu yoMzantsi Afrika. 

UMboyiya uzakulinga ukuba yinjinga yoMzantsi Afrika isihlandlo sesithathu kudidi lwesithathu xa ecela umngeni kwintshatsheli yodidi lwejunior-welterweight uNtethelelo Nkosi kulonyaka ozayo. 

Lenjinga yamhlamnene eMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight izakucela umngeni kuNkosi e-Orient Theatre, eMonti, ngo-Epreli. I-Ink Sport ithelwe thsuphe ukuba bobabini uMboyiya noNkosi sele bevumile ukulwa kulomlo. 

“UMboyiya uzakucela umngeni kuNkosi kumlo wakhe olandelayo. Ndiluqukumbele uthetha-thethwano nabo bobabini ngaphambi kokuba ndiye kwingqungquthela yeWBC kwelaseJamani,” udize watsho uBooi. 

Ebekwa kwindawo yokuqala kuluhlu lodidi lwejunior-welterweight, uMboyiya wenze kakuhle kulonyaka, ephumelela yomibini imilo yakhe, wade waphumelela nentshinga yaseMpuma Koloni. Wabetha uChumani Tunzi ngo-Agasti noLindokuhle Dlamini kulenyanga ephelileyo. 

Kusenjalo, izakuba sisihlandlo sesibini uNkosi waseMtubatuba, KwaZulu-Natal, ekhusela intshinga yakhe kususela mhla wayiphumelela ngokunqumamisa uPrince Dlomo kumjikelo wethoba eMgungundlovu ngoNovemba nyakenye.  

UNkosi wanqumamisa uSanele Msimang kumjikelo wokuqala kumlo owawubandakanya iimbethi-manqindi zaKwaZulu-Natal e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ekuzeni kuphela kuka-Okthobha. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php