Ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) nesandula ukonyulwa izakubanentlanganiso neNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ngoMvulo.

Lebhodi entsha nekhokelwa ngusihlalo wayo u-Ayanda Zamantungwa Khumalo, ozakusebenza noMthokozisi Radebe, uSydney James, uVince Blennies, uRina Jude, uSaudah Hamid Chetty kunye noSiyakha Simelane. 

UKhumalo ulinina lesibini ukonyulelwa kwisikhundla sokuba ngusihlalo webhodi kaBSA. UNtambi Ravele wabalinina lokuqala ukungena kwesisihlalo emva kokonyulwa kwakhe nguFikile Mbalula, owayengumphathiswa wezemidlalo, ngo-Agasti 2013.

Ungcothoza wethu usixelele ukuba intlanganiso yangoMvulo lilinge lokwazisa ibhodi entsha kwiNPBPA, ekhokelwa ngusihlalo wayo u-Ayanda Matiti, uLebo Mahoko, uZandile Malinga, uKaya Majeke noPhathutshedzo Dongola. 

“Akukho nto engako. Yintlanganiso nje yokwazisa ibhodi entsha,” utshilo omnye woongcothoza bethu.

De kubekutsha nje uMatiti ibinguye yedwa kwikomiti yakhe obeneempepha zokuthelekisa, logama amahlakani akhe enzelwe inceba yiBoxing South Africa (BSA) emva kokuvuma ukwenza amalungiselelo okuhlawula imali ayityala uBSA.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php