Omnye wabaqeqeshi bamanqindi abaphambili eMpuma Koloni nokwaziyo ukulungisa ubume beembethi-manqindi uZolile ‘Gqo’ Mahambi udize indlela alwe ngayo ukuze afumane imali yakhe emva kokuba uSiseko Teyisi ebethe uMfavele Ntuli kwisithuba esingaphaya kweveki.

UMahambi, onesivumelwano seminyaka emibini noTeyisi, wafixeka emva kokuba wanikwa ‘amanqina’ emveni kokokuba lembethi-manqindi yanqumamisa uNtuli kumjikelo wesixhenxe e-Orient Theatre, eMonti.

Ingxaki yaqala emva kokuba uMahambi ehlawulwe iwaka lerandi ngumphathi kaTeyisi uBongani Bozo nowahlawula uMnyamezeli Shosha, owayesekoneni yembethi-manqindi ngethuba iphumelela, amawaka amabini. 

“Ndilwe ndade ndayifumana imali yam ngoMvulo. Bendingasayikuze ndivumele nabani ukuba andiqhathe. Besele ndizimisele nokubheka phambili nalomcimbi. Ndinesivumelwano esibhalwe phantsi kunye noSiseko,” utshilo uMahambi.

Longeze ngelithi eligqala lomqeqeshi nelisisele senyathi esihlala eMdantsane: “NIdifuna ukuba nentlanganiso noBongani ukuze sibonisane ngendlela yokusebenza ukubheka phambili. Ndiyafuna nokuyicacisa into yokokuba andilwanga naye.”

Emva kokuphumelela kwakhe kumlo noNtuli, uTeyisi ngoku akakabethwa njengokuba eyiphumelele yomithandathu imilo yakhe ngokunqumamisa amadoda. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php