Imbethi-manqindi ezinze eKhayelitsha uLwando Mgabi uphulukene nentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight engakhange aphose nenqindi elinye emva kwemini ngoLwesihlanu.
UMgabi uphulukene netshinga yakhe ngethuba esoyisakala ukwenza ubunzima obuqingqiweyo kanye nje ngaphambi komlo wakhe noSechaba Zuma kwiholo yedolophu yase-Estcourt, KwaZulu-Natal, ngoMgqibelo.
Emva kokunikwa iiyure ezimbini ukuba enze ubunzima bodidi lwejunior-bantamweight, uMgabi uye wafeda ukubenza ubunzima ebebufuneka.
Njengokuba lenzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, nesele izinze eKhayelitsha, yoyisakele ukwenza ubunzima obufunekayo, nguZuma kuphela ngoku osethubeni lokuphumelela lentshinga.
UMgabi, oqeqeshwa e-9th South African Infantry (9SAI) Boxing Club eKhayelitsha, eKapa, ebezakuyikhusela okokuqala lentshinga awayiphumelela ngethuba ebetha uSihle Jelwana wakuKomani ngamanqaku eKapa ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo.