IiTaifa Stars zaseTanzania zibambene ngeqanda macala omabini neBafana Bafana kumdlalo wobuhlobo obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

IBafana ibiwulawula umdlalo, kodwa ayikwazanga ukuguqula lonto ibengamanqaku nangona nje idale amathuba aliqela okufaka amanqaku xa ithelekiswa neTanzania.

Ngoku, iBafana izakudlala neeMambas zaseMozambique komnye umdlalo wobuhlobo kwakwelibala linye lasePolokwane ngoLwesibini kuleveki ezayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php