Emva koloyiko ngobomi bakhe kulandela ukubethwa kwakhe yintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight uRicardo Malajika ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo, ngelingeni uYanga ‘Showtime’ Sigqibo ubuyela eqongeni.
USigqibo wabalekiselwa e-Arwyp Medical Centre, eKempton Park, emva kokuwa kwakhe kwigumbi leembethi-manqindi kulandela ukunqunyanyiswa kwakhe kumjikelo weshumi elinanye nguMalajika e-Emperors Palace. Ngenxa yokopha kwakhe ebuchotsheni, uSigqibo wachitha iintsuku ezintathu ebhilabhilwa ziingcaphephe zoogqirha.
Ngoku lenzalelwane yaseDuncan Village ibuyela eqongeni ngomlo nommi waseTanzania uMsabaha Salumu Msabaha e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti.
Ekuqaleni, uSigqibo, oneminyaka engamashumi amathathu ananye, ebezakulwa noShomari Pendeza waseTanzania. Kodwa kuye kwanyanzeleka kuguqulwe izinto njengokuba ilibazisekile incwadana yokundwendwela kaPendeza.
Engqinisisa ngalomlo, ongumqeqeshi, imbethi-manqindi nomthelekisi eTanzania u-Innocent Evarist Mwacha uthethe wathi: “Ilibazisekile incwadana yokundwendwela kaShomari Pendeza. Ngoku sizakuthabatha uMsabaha Salumu Msabaha ukuba ayokulwa noYanga Sigqibo. Sisihlandlo sesithathu ngoku uYanga esilwa nembethi-manqindi yam. Wayelwe noLuqman Ngambongali kumlo we-IBF ukugqibela kwakhe ukulwa nembethi-manqindi yam.”
USigqibo, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, uzakukhokelelwa edabini ngumqeqeshi wakhe omtsha uMzamo ‘Chief’ Njekanye. USigqibo uphumelele imilo elishumi elinesibhozo, wanqumamisa amadoda amahlanu, wabethwa kwimilo emithathu, waze walwa ngokulingana kumlo omnye.
Kwelinye icala, uMsabahu, ongekalwi ukususela mhla wabetha u-Abdallah Hassan ngoJuni kulonyaka ophelileyo, uphumelele imilo elishumi elinesithathu, wanqumamisa amadoda amane, wabethwa kwimilo emithathu, walwa ngokulingana komnye. – Monwabisi Jimlongo