Intshatsheli yehlabathi uRicardo Malajika ushumayela isimilo njengokuba ixesha lokulwa noJayson Mama wasePhilippines lisondela.
UMalajika, ophumelele imilo esixhenxe ngokulandelelana, akakabethwa kususela mhla wabethwa nguSikho Nqothole ngo-Epreli 2022. Lempumelelo yakhe iquka ukuphumelela iintshinga ze-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane nolwejunior-bantamweight.
Ngoku uMalajika uzakukhusela intshinga yakhe ye-IBO kudidi lwejunior-bantamweight kumlo noMama e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngokuhlwa kwangoMgqibelo.
“Ngokunokwam, ubunzima abuzange babayingxaki. Konke oko kungenxa yesimilo. Ukuba ufuna into apha ebomini, kufuneka ubenesimilo kuba isimilo sikusa kude,” utshilo uMalajika.
“Ndizimisele kwinto endiyenzayo, kwaye ndiyayithanda into endiyenzayo. Akukho namnye umntu endimjongela phantsi xa ndisilwa naye. Ngokuqinisekileyo ndizakuzinikela ngokupheleleyo. Ndakukumwisa xa ndithe ndafumana ithuba.”
UMalajika uzakulwa okokuqala ukususela mhla wehlela ngezantsi kudidi lwempukane ebutsheni balonyaka, waze wabetha owayeyintshatsheli ye-IBO uJackson Chauke.
Kusenjalo, iimbethi-manqindi zaseKapa uSimamkele Tutsheni noCaleigh Swart bazakuvavanyana kumlo wentshinga engenamntu kwi-IBO Africa lwejunior-featherweight kuletumente. – Monwabisi Jimlongo