Esilwa ngobunzima obungaphaya kokuqonda nangabuqhelanga, uNozipho Bell unqunyanyiswe kumjikelo wesithathu ngummi waseRussia u-Albina Moldazhanova kumlo obukwelaseRussia ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

UBell, oyinjinga yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight, uye walwa kudidi lwewelterweight ngethuba exhimfana nomRussia, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu. 

“Siye sayeka kumjikelo wesithathu nangona nje uBell ebesilwa kakuhle. Silwe kubunzima obungaphaya. Kuye kwacaca ukuba ubunzima buyasongamela, into ekhokelele ekubeni ndithabathe isigqibo sokuwuphelisa umlo,” utshilo uLonwabo Witbooi, ongumqeqeshi kaBell.

UWitbooi wongeze wathi: “Ndiye ndatya tyum ngalomlo kuba bendingafuni ukufaka uBell ngaphantsi koxinezelelo olungeyomfuneko. Ndibulela kakhulu kuBoxing South Africa ngokusinceda nokuqinisekisa ukuba uBell uzile wazokulwa apha eRussia.” 

Lo ibingumlo wesibini walenzalelwane yaseWalmer njengokuba uBell wanqumamisa u-Abongile Lubambo kumjikelo wesibhozo kumlo owawuseGqeberha kwiinyanga ezintlanu ezigqithileyo.   

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php